GroundUp Home
Ntsasa zonke abafundi kufuneka bahayikhe kwindlela enqumla eOu Kaapse Weg ukuya esikolweni esikude le. Elo xesha kukho izikolo ezimi kakuhle ngezixhobo zokufunda  kwiikhilomitha ezimbalwa ukusuka apho bahlala khona.
Ntsasa zonke abafundi kufuneka bahayikhe kwindlela enqumla eOu Kaapse Weg ukuya esikolweni esikude le. Elo xesha kukho izikolo ezimi kakuhle ngezixhobo zokufunda kwiikhilomitha ezimbalwa ukusuka apho bahlala khona.

Indlela ende yokufunda yabafundi basesixekweni

Yonke imihla, abafundi besikolo semfundo ephezulu abahlala elokishini zaseWestlake naseCapricorn bahamba iikhilomitha ezili-15 ukuya kwisiKolo seMfundo ePhezulu saseMasiphumelele.

Oku kuthetha ukuba kufuneka ahayikhe eOu Kaapse Weg. Ngeloo xesha ke kukho izikolo ezininzi zikarhulumente ezimi kakuhle ngokwezixhobo zokufundisa ezikufutshane nekulula ukufikelela kuzo.

UThembakazi Gonya noSiyabulela Ntsaluba bangena eMasiphumelele High iminyaka engaphezulu kwemithathu. Nokuba ngaba kuyanetha okanye kutshisa ilanga, bajoyina abanye abalingane besikolo abama eOu Kaapse Weg benethemba lokufumana ihayikhi eya esikolweni.

UGonya ngumfundi webanga le-12. Ukusuka ekhayeni lakhe elokishini yaseWestlake uhamba malunga nemizuzu engama-20 ukuya kwindawo ekuhayikhwa kuyo. Angema apho ke iiyure ezintathu ngamanye amaxesha angayifumani kwaloo lifti.

"Ngezinye iimini kuye kuthi cwaka kakhulu. Sima ixesha elide kakhulu kwaye ngamanye amaxesha side siveze imali eliphepha eyi-R10 ukwenzela ukuba imoto imise isinike ilifti," utsho uGonya.

IsiKolo seMfundo ePhezulu saseMasiphumelele sili-15km ukusuka elokishini yaseWestlake, kwaye eyona ndlela ingqalileyo yokufika apho inqumla entabeni. Ubuncinane izikolo ezihlanu zikarhulumente ezime kakuhle ngezixhobo zokufunda zikufutshane nangona kunjalo kwaye akunqunyulwa ntaba xa kuyiwa kuzo.

IZwaanswyk kungama- 4.5km kuphela ukuya khona. ICrestway kuyi- 6km ukuya khona. IMuizenberg kungama-7.5km ukuya khona. IBergvliet neSouth Peninsula High ziyi-9km ukuya khona. Kwaye iFish Hoek High sisikolo sangaphambili semodeli C esikwangumgama olinganayo nowaseMasiphumelele.

Kodwa esona sikolo sikufutshane sesabucala, iReddham, simalunga nekhilomitha enye ukuya khona ngendlela enqumlayo, kodwa malunga ne-4km xa uhamba ngendlela yemoto.

USiyamkela Salupa, one-18, uchaza isizathu sokuba aye eMasiphumelele. "Akubhatalwa mali yokufunda yesikolo. Andinawukwazi ukuzifikelela ezinye izikolo, ndinabantwana endizalwa kunye nabo kwaye sonke sixhaswa ngumntu omnye "

Ukuhayikha usiya esikolweni.
Ukuhayikha usiya esikolweni.

IsiKolo seMfundo ePhezulu saseMasiphumelele sisikolo semfundo engahlawulelwayo. Ezi ngokuqhelekileyo zizikolo zaselokishini ezilungiselela abantwana abasokolayo. Ziyasilela ngezixhobo zokufunda ngokuqhelekileyo, kwaye iMasiphumelele ayohlukanga kuzo.

UDoron Isaacs wombutho woluntu wezemfundo, iMfundo eLinganayo, uthi ukuba nje umntwana athathwe kwisikolo sikawonkewonke esimfundo ihlawulelwayo, umntwana lowo unelungelo lokwenza isicelo sokuba angayibhatali imali yokufunda yesikolo.

"Nangona kunjalo, ubunzima obufunyanwa ngabantwana abaninzi kukwamkelwa kwezo zikolo indawo yokuqala. Izikolo zihlola ngokungekho sesikweni ukuba angaba umntu ukulungele na ukungabhatali imali yokufunda yesikolo, aze ke athathwe okanye aliwe ngokuphathelene noko," UIsaacs uyachaza.

"Oku kungentla kuvela kumba wokuba uMthetho weziKolo wase-SA unikeza iibhodi zolawulo lwezikolo igunya lokumisela imigaqo-nkqubo yokwamkelwa nemali yokufunda, ngaphandle kokuba zibhengezwe njengezikolo ezimfundo ingahlawulelwayo. Nangona kunjalo, kwimeko yaseRivonia, iNkundla yoMgaqo-siseko yathi amasebe amaphondo neebhodi zolawulo lwezikolo alindeleke ukuba ngokomgaqo-siseko akulungelelanise oku ngokweemfuno zoluntu ngokubanzi, kuba ezi zizikolo zikawonkewonke," utsho uIsaacs. "Ngamanye amaxesha izikolo ziyila imida yezikolo ezinikezela abafundi kwezinye ezithile ngokusekelwe kwibhodi yabafundi efunwayo. Kufuneka kubekho imigaqo egadene noko, kuba izenzo ezinjalo zomeleza uMthetho wekuHlaliswa kwabantu ngokweziThanga, ozama ukupheliswa yidemokhrasi yethu."

Imoto iyema ukuze ikhwelise abafundi besikolo. Kodwa rhoqo kufuneka bazihlawule iilifti.
Imoto iyema ukuze ikhwelise abafundi besikolo. Kodwa rhoqo kufuneka bazihlawule iilifti.

Imali yokufunda yesikolo ayisosizathu ekuphela kwaso ukuba abafundi baye ngaphaya kwentaba. UGonya uze apha evela eMpuma Koloni. "Ndandenze isiXhosa nesiNgesi kuphela ngoko ke ukwenza kwam isicelo eCrestway High ndandinengxaki yesiAfrikansi kuba andizange ndasenza ngaphambili. Kwaye ke kuba ndandisoyika ukutshona ndagqiba ukuba ndiye esikolweni esinesiXhosa kwaye ke iMasiphumelele yayisesona sikolo sikufutshane kum."

Esi sizathu satshiwo nangabanye abantwana esaye sathetha nabo.

UIsaacs uthi, "Umthetho weziKolo wase-SA ukwanikeza izikolo ilungelo lokumisela umgaqo-nkqubo wolwimi. Izikolo kufuneka zibe nolwimi lwesibini, kwaye kwiimeko ezininzi iba sisiNgesi okanye isiAfrikansi. Ukuya ngaphaya koku, uMphathiswa uMotshekga usandula kuthetha ngokuba kwenziwe ukuba ulwimi lwesiNtu lwabantsundu lufundiswe njengolwimi lwesithathu olunyanzelekileyo. Oku kuyafuneka ngokwentlalo, kodwa kuthwele amabango acacileyo ngokuphathelene nemfundo, izimali nabasebenzi."

Umzali, uNoduma Sosayi, uphawule umqobo wolwimi njengesizathu sokuba athumele umntwana wakhe eMasiphumelele endaweni yezikolo ezikufutshane. "Ndikwasebenza kwakwelaa cala kwaye ndichitha ama-R720 ngenyanga ngento ekhwelwayo, andikwazi ukubhatalela thina sobabini, ndingumzali oyedwa oxhasa abantwana ababini," utsho.

Utitshala oyintloko waseMasiphumelele, uMncedi Nelson Mafrika, uthi bafake isicelo amaxesha athile kwezemfundo becela izithuthi zabafundi abasuka eWestlake naseCapricorn kodwa abakafumani nanye impendulo.

Kodwa usomlomo weSebe lezeMfundo, uJessica Shelver, uthi umgaqo-nkqubo weSebe lezeMfundo waseNtshona Koloni kukunikeza ezothutho abafundi abahlala kwiindawo ezihluphekileyo abahlala kude ngaphezulu kwe-5km ukusuka kwezona zikolo zabo zikufutshane, kwayo apho izithuthi zikawonkewonke zingekhoyo.

Uthi isicelo sendlela entsha eya kwisiKolo seMfundo ePhezulu iMasiphumelele safunyanwa kwaza kwaxoxwa ngaso nge-9 kweyeDwarha yiKomiti yeeBhasi.

"IKomiti yeeBhasi yasala isicelo sezithuthi ngokuthi isiKolo seMfundo ePhezulu iMasiphumelele iphakathi kwesixeko esimbaxa kwaye ke ngoko luxandua lomzali ukufunela abantwana isithuthi," utsho uShelver.

Phantse ngama-80 abafundi abangena eMasiphumelele abavela kwezi ndawo zaselokishini ezimbini, kungekho zithuthi zinikezwayo kunjalo.

Umfundi oneminyaka elishumi elinesibhozo ofunda kwibanga le-10 uSiyabulela Ntsaluba uthi, "Lo ngumngeni omkhulu ukuba sifumane imfundo efanelekileyo, kuba siphoswa kokuninzi ngexesha lakusasa kakhulu leklasi."

UBenathi Ntozi umi eOu Kaapse Weg enethemba lelifti eya eMasiphumelele High.
UBenathi Ntozi umi eOu Kaapse Weg enethemba lelifti eya eMasiphumelele High.
Elokishini yaseWestlake.
Elokishini yaseWestlake.

"Sikwafumanisa nokuba ootitshala bethu abanalo uvakalelo ngeenzima esijongene nazo xa sisiya esikolweni. Endaweni yokusivumela ukuba singene eklasini, basohlwaya ngokusenzisa 'imitsi yesele' phambi kwabalingane bethu baseklasini."

UNtsaluba wakhalazela nokuba bayaphangwa ecaleni kwendlela xa behayikha, ingakumbi emva kwemini xa begoduka bevela kwicala laseFish Hoek.

"Siva ukuba ezinye izikolo zineebhasi zabantwana abahlala kude. Bangathini ukuba thina bangasifuneli? Baninzi abantwana abahlala eCapricorn naseWestlake."

UMafrika wavuma ukuba ukhuseleko lwabantwana lusesichengeni ngenxa yokuhayikha. Ekuqaleni kwalo nyaka kukho intombazana eyahlaselwa ngokuphathelene nezesondo yaza yasinda cebetshu ekudlwengulweni yindoda eyayiyiphe ilifti, watsho.

"Ngaphandle kwengozi, kukho isantya esiphezulu sokuyekwa kwesikolo ingakumbi ebusika. Uninzi lwabafundi, ingakumbi abo basuka eCapricorn, kufuneka luthathe iilifti ezahlukeneyo ezimbini okanye ezintathu ukuze luyokufika esikolweni ukusuka ekhaya."

UNtsaluba uthi uyahayikha nokuba sekubanda, abe sesichengeni sokugula nesokumoshakalelwa ziincwadi zakhe ngamanzi, kuba engafuni ukushiyeka ezifundweni zakhe.

Kanye kanye kudla umfundi ngamnye osuka eWestlake ngaphezulu kwama-R320 ngenyanga ngesithuthi. Kumntwana osuka eCapricorn kungaphezulu ngokuphindaphindiweyo kunoku.

Abanye abafundi bakhalazela ukuba neetitshala zaseMasiphumelele ezihamba ngeOu Kaapse Weg azibakhwelisi, nokuba ngaba imoto ayinamntu.

"Asiloxanduva lukatitshala ukukhwelisa abantwana. Kufuneka bemke msinya emakhaya ukuze bafike msinya esikolweni," watsho uMafrika.

Iifoto nguMasixole Feni.

blog comments powered by Disqus