Ndisebenzisa ikawusi njengephedi, utsho umfundi wakwaLanga

| Pharie Sefali
Umfanekiso wegcisa lezokuzoba uTshabalala wendlela abaphila ngayo abantu abantsundu. Ilungelo lombhali elilelakhe: UThandiwe Tshabalala. Iveliswe kwakhona ngemvume yakhe.

UAkhona ufunda kwibanga lesibhozo. Njengabo bonke abalingane bakhe baseklasini abaninzi, usoloko ephoswa kukuya esikolweni xa esexesheni ngenxa yokuba usapho lwakhe alukwazi ukumthengela iiphedi. Xa kufuneka abhale uvavanyo, usebenzisa ikawusi, utsho.

Ngamanye amaxesha uthi efika exesheni lakhe abe umhakhulu wakhe engasenayo imali, utsho.

“Ekhaya singabantwana abahlanu kwaye ndim kuphela intombi ekwibakala lokuya exesheni. Umhakhulu wam mdala. Ngamanye amaxesha uyalibala ukuthenga iiphedi kwaye uchitha imali kwezinye izinto zekhaya, kwaye kuziintloni ukucela imali koomalume bam yokuthenga iiphedi”, utsho uAkhona.

“Ngamanye amaxesha ukuba ndisoloko ndicela iiphedi kubamelwane abandiniki kuba bathi kutheni ndingazithengi kwangaphambili. Abazi bona ukuba andinayo imali yokuzithenga,” utsho uAkhona.

Umhlobo wakhe uNoluntu, naye okwafunda kwibanga lesibhozo, uphoswe luvavanyo lwakhe lwaseklasini kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo kuba uye waba sexesheni msinyane kwaye ke ngoko akukhange kubekho mntu wokumnika imali. Ngosuku olulandelayo uAkhona uye wamcebisa ukuba asebenzise ikawusi endaweni yephedi ade abe uyayifumana.

Umyili wemifanekiso waseLanga uThandiwe Tshabalala uphehlelele iphulo lokuqokelelela izikolo iiphedi.

Kutyelelo lwaseLanga High School ngomhla wesi-5 kweyeNkanga uTshabalala unikezele ngeepakethi ezilishumi zeephedi kwesi sikolo.

Uthi ukhumbula indlela ekwakunzima ngayo ukubanako ukuthenga iiphedi. Kukho iintsuku awayengakwazi ukuya ngazo esikolweni ngenxa yokuba esexesheni.

Abanye abafundi kunzima nokuba bakwazi ukuthenga izinto ezingephi ezinje ngesephu, utsho uTshabalala. “Abantu bacinga ukuba wonke umntu unako ukuthenga iiphedi. Kodwa nezinto nje ezingephi zokukugcina ucocekile, kwabanye abantu kunzima ukuba babe nako ukuba nazo.”

Amantombazana amaninzi esikolo asebenzisa amalaphu, amaphephandaba okanye ixolo lomthi endaweni yeephedi okanye iithamponi. I-UNICEF iqikelela ukuba isinye kwishumi lamantombazana esikolo eAfrika awayi esikolweni xa esexesheni (iphepha 15).

UNoluthando Kasi, unontlalontle wesikolo eLanga, uthi abantwana abaninzi bafumana izitofu zocwangciso-ntsapho, kungekuko ukuba sele bevuthelwe ezesondo, kodwa bazama ukunqanda ukuba sexesheni inyanga nganye kuba abanako ukuthenga iiphedi. “Amanye kula mantombazana athatha ikawusi agalele isanti encinci ekawusini ukwenzela ukuba igazi lingangcolisi impahla zawo ukuba bopha kakhulu”, utsho uKasi.

Izolo uTshabalala uqalise iqela kuthungelwano lwabantu, ecela amalizo ebantwini ubuncinanana bepakethi enye yeephedi kwizikolo zabahluphekileyo.

Uyile imifanekiso ebonisa iindlela abaphila ngazo abantu abahluphekileyo, bethenga isephu engamanzi yokuhlamba izandla endaweni yesephu engamanzi yeenwele, kwaye besebenzisa iincwadi zeenombolo zeminxeba njengephepha lokusula lendlu yangasese.

Uthi wothuka yindlela abantu abaninzi abamnyama abazibonakalise ngayo kumfanekiso lowo.

“Kubonakala ngathi abemi abaninzi baseMzantsi Afrika benentandabuzo malunga nendlala. Abafuni ukuva ngayo”, utsho. “Masincede amantombazana ahlale esikolweni.”

Read this article in English.

TOPICS:  Education Health

Next:  Call for national minimum wage of R5,000 a month

Previous:  Farm worker activists acquitted

© 2016 GroundUp. Creative Commons License
This article is licensed under a Creative Commons Attribution-NoDerivatives 4.0 International License.