Dibana neqembu le-rap yesiXhosa yakwaLanga naseLwandle

| Zethu Gqola
uSandisile ‘Skillz’ Ntleki noSilindokuhle ‘Slie’ Baka benza iqembu le-rap, I-Xhosa Tribe. Umfanekiso uvela kubo.

Sandisile ‘Skillz’ Ntleki noSilindokuhle ‘Slie’ Baka benza iqembu le-rap ebizwa Xhosa Tribe. Lamachule engoma wakwaLanga naseLwandle ngentlonipho nabo banomhluzi womelana no-iFani, bangenza kwano Khuli Chana atsho ukubila.

Ekudibaneni kwabo ngo2012 kwi-Jam that Session, umnyadala odumileyo womculo nenkcubeko, uSandisile Ntleki noSilindokuhle Baka batshintshiselana ngenkcukacha baqalisa incoko ngemidla abanayo ngomculo

Ezoncoko zaguqula izinto zabenza bavusa iqembu. “Sasincokola nge-hip hop nokunqaba kwe-rapper zesiXhosa kumculo odumileyo. Saqonda masichonge into iyakumela ulwimi lwesiXhosa ibeke isiko lwethu kwiqonga lwehlabathi, engaphumelela” esitsho uNtleki Oyena mvumi wesiXhosa obheka pha emagqabini okwangoku ngu-iFani waseBhayi.

Bobabini bezalelwe Empuma Koloni, badukela eKapa besebalula ngeminyaka. Ntleki, 26, ngoku uhlala eLanga noBaka, 22, yena uhlala eLwandle. Kukho umgama phakathi kwabo kodwa baqhubekeka besebenzisana kunye emculweni wabo. “Kunzima ukuba sidibane ngoba sihlala kudelana kwaye iyaxabisa lonto, kodwa ekubhaleni ingoma siye sithumelane izingqi namacebo, kunye nezihloko zeengoma ukuze kubekho ungqiqo. Siye sibeke usuku olunye ngeveki sidibane sabelane ngezinto besisebenza kuzo,” esitsho uNtleki.

Lomgama useyingxaki kwaye ngamanye amathuba uye aphazamise umsebenzi nenkqubela phambili. uNtleki ukholelwa ukuba banokuhlala kufuphi kunye bangenza okuninzi ngekamva labo le-rap. “Ndisandokuyeka umsebenzi, ukuze ndizokuzinikela emculweni, ndisebenze kushishino lokonwabisa,” esitsho uNtleki. “Ngoku ndingumququzeli weminyadala yeParklands Shisanyama kwaye ndingumphathi wemvumi zomculo we-electronic dance nje ngoDJ Mondie Mafu nomenzi womculo we-house u-MasterpieceSA. uSilindokuhle usandokuqala ukufunda, kodwa sisaphakamisa iXhosa Tribe movement ngaphezulu kunakuqala..”

Ngokukhula kwabalandeli, nenxaso kumphakathi wabo, umculo wabo udlalwa kunomathotholo, ngakumbi kwi-Yfm.

iqembu i-Xhosa tribe uSkillz no Slie. umfanekiso usuka kwimvumi.

Eliqembu lisebenza kwi-EP yabo yokuqala ebizwa Amahlakani Komkhulu, ethetha ‘guards of the kingdom’.

“Siqale ukucishelela le-EP ngomhla we12 ka-Janyuwari iyakuphuma phambi kokuphela kukaMatshi,” esitsho uNtleki. le-EP ithembisa umxube wesingqi sesizukulwane sitsha sidibene nomculo wesintu, ne-jazz, i-soul, i-boom bap, i-gospel nefuthe likaMasikandi. Ngentsebenziswano nemvumi ezifana nonomazwe be-rapper ooCrosby Bolani, Sizwe Yaze no Lunga ‘Phixx’ Xhamela, Iyakuba yeyokuqala ehlobo lwayo, ngethemba iyakuba yiyo ezisa umtsalane kubavelisi mculo nendlebe ze-DJ’s ukuze bayi-remix nomdla wentsebenziswano nezinye imvumi.

uNtleki ukhe ngamaxesha athile a-repe ngelwimi isiSotho, lolunye ulwimi lwesintu elinqqabileyo kwi-hip hop.

“Umhlobo wam weqembu le-rap iMotswakapa abacula ngesiSotho neMotswako. Motswakapa nguMotswako noKapa bedityanisiwe. Ngabo bandinika umdla ukuba mandicule ngesiSotho,” esitsho uNtleki. Lonto izisa incasa kumculo wabo kwaye yenza ingathi kukho ngaphezulu kune nesibini sikho.

iMotswakapa ngelinye iqembu elenza ingxolo eKapa, liyindibano ye-rappers ezimbini uT-Mack noMic Daimaan behamba no-DJ/mvelisi u-Kayjep.

“Siye sadibana ne-Motswakapa kumnyadala oyakubakukho nge27 Feb,” esitsho uNtleki. Inkcukacha ezithevetshe ngalomnyadala beka imehlo kwi- Xhosa Tribe Facebook fan page nakwi Twitter page yabo.

2015 ingangunyaka we-Xhosa Tribe, ezise isandi esitsha nendibaniso yelwimi kwi-hip hop yaseMzantsi. Uninzi ndiyaqinisekisa ukuba luyakuthatheka ngoluhlobo lomculo lweliqembu. Ukuba ufuna ukumamela umculo wabo, ndwendwela u- Soundcloud wabo.

TOPICS:  Arts and culture

Next:  Making music stars at Mzoli’s

Previous:  A boy looks over Busasa temporary residential area near Mfuleni.

© 2016 GroundUp. Creative Commons License
This article is licensed under a Creative Commons Attribution-NoDerivatives 4.0 International License.